-
Leer por capítulos:
149-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 149:1|
Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
-
2
|Salmos 149:2|
USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.
-
3
|Salmos 149:3|
Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi.
-
4
|Salmos 149:4|
Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.
-
5
|Salmos 149:5|
Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo.
-
6
|Salmos 149:6|
Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;
-
7
|Salmos 149:7|
Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni;
-
8
|Salmos 149:8|
Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;
-
9
|Salmos 149:9|
Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38