-
Leer por capítulos:
6-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 6:1|
Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.
-
2
|Salmos 6:2|
Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
-
3
|Salmos 6:3|
Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
-
4
|Salmos 6:4|
Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.
-
5
|Salmos 6:5|
Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
-
6
|Salmos 6:6|
Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
-
7
|Salmos 6:7|
Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
-
8
|Salmos 6:8|
Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
-
9
|Salmos 6:9|
Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.
-
10
|Salmos 6:10|
Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7