-
Leer por capítulos:
25-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 25:1|
EkaDavide. Ndiwuphakamisela kuwe, Yehova, umphefumlo wam.
-
2
|Salmos 25:2|
Thixo wam, ndikholose ngawe, Mandingadani; Mazingandivuyeleli iintshaba zam.
-
3
|Salmos 25:3|
Ewe, bonke abo bakuthembayo abayi kudana; Kuya kudana abo banginiza ngelize.
-
4
|Salmos 25:4|
Ndazise iindlela zakho, Yehova, Ndifundise umendo wakho.
-
5
|Salmos 25:5|
Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam; Ndithembe wena yonke imihla.
-
6
|Salmos 25:6|
Khumbula iimfesane zakho, Yehova, neenceba zakho; Ngokuba kususela kwaphakade zikho.
-
7
|Salmos 25:7|
Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam; Ndikhumbule ngokwenceba yakho wena, Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.
-
8
|Salmos 25:8|
Ulungile, uthe tye uYehova; Ngenxa yoko uyabayalela indlela aboni.
-
9
|Salmos 25:9|
Uyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe, Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.
-
10
|Salmos 25:10|
Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso, Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38