-
Leer por capítulos:
63-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 63:1|
Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
-
2
|Salmos 63:2|
Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.
-
3
|Salmos 63:3|
Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma.
-
4
|Salmos 63:4|
Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho.
-
5
|Salmos 63:5|
Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam,
-
6
|Salmos 63:6|
Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.
-
7
|Salmos 63:7|
Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.
-
8
|Salmos 63:8|
Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile.
-
9
|Salmos 63:9|
Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.
-
10
|Salmos 63:10|
Baphalazelwa emandleni ekrele; Baba sisabelo seempungutye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38