-
Leer por capítulos:
111-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 111:1|
Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
-
2
|Salmos 111:2|
Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.
-
3
|Salmos 111:3|
Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.
-
4
|Salmos 111:4|
Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova.
-
5
|Salmos 111:5|
Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.
-
6
|Salmos 111:6|
Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga.
-
7
|Salmos 111:7|
Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.
-
8
|Salmos 111:8|
Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.
-
9
|Salmos 111:9|
Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.
-
10
|Salmos 111:10|
Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38