-
Leer por capítulos:
98-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 98:1|
Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.
-
2
|Salmos 98:2|
Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.
-
3
|Salmos 98:3|
Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.
-
4
|Salmos 98:4|
Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.
-
5
|Salmos 98:5|
Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;
-
6
|Salmos 98:6|
Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova.
-
7
|Salmos 98:7|
Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo.
-
8
|Salmos 98:8|
Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba
-
9
|Salmos 98:9|
Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10