-
Leer por capítulos:
47-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 47:1|
Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.
-
2
|Salmos 47:2|
Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.
-
3
|Salmos 47:3|
Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.
-
4
|Salmos 47:4|
Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 47:5|
UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.
-
6
|Salmos 47:6|
Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!
-
7
|Salmos 47:7|
Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.
-
8
|Salmos 47:8|
UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.
-
9
|Salmos 47:9|
Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38