-
Leer por capítulos:
48-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 48:1|
Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
-
2
|Salmos 48:2|
Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.
-
3
|Salmos 48:3|
UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.
-
4
|Salmos 48:4|
Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;
-
5
|Salmos 48:5|
Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;
-
6
|Salmos 48:6|
Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.
-
7
|Salmos 48:7|
Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.
-
8
|Salmos 48:8|
Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)
-
9
|Salmos 48:9|
Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.
-
10
|Salmos 48:10|
Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38