-
Leer por capítulos:
61-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 61:1|
Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam.
-
2
|Salmos 61:2|
Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
-
3
|Salmos 61:3|
Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
-
4
|Salmos 61:4|
Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 61:5|
Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho.
-
6
|Salmos 61:6|
Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
-
7
|Salmos 61:7|
Uya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo; Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
-
8
|Salmos 61:8|
Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38