-
Leer por capítulos:
89-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 89:1|
Eyokuqiqa kaEtan, umEzra. Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade, Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.
-
2
|Salmos 89:2|
Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba; Amazulu, uya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho.
-
3
|Salmos 89:3|
Wathi, Ndenze umnqophiso nomnyulwa wam, Ndifungile kuDavide umkhonzi wam:
-
4
|Salmos 89:4|
Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho, Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 89:5|
Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova, Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.
-
6
|Salmos 89:6|
Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova? Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo.
-
7
|Salmos 89:7|
UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele, Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?
-
8
|Salmos 89:8|
Yehova, Thixo wemikhosi, Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova? Ukuthembeka kwakho kukungqongile.
-
9
|Salmos 89:9|
Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle; Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.
-
10
|Salmos 89:10|
Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo, Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10