-
Leer por capítulos:
52-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 52:1|
Kumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki. Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha? Inceba kaThixo ikho imihla yonke.
-
2
|Salmos 52:2|
Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.
-
3
|Salmos 52:3|
Uthanda okubi kunokulungileyo; Ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 52:4|
Uthanda onke amazwi aginyayo, Lulwimindini lukhohlisayo.
-
5
|Salmos 52:5|
Naye uThixo uya kukudiliza kuphele; Uva kukuxwila, akuncothule ententeni, Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)
-
6
|Salmos 52:6|
Obona amalungisa, oyike, Amhleke, athi,
-
7
|Salmos 52:7|
Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo, Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe, Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.
-
8
|Salmos 52:8|
Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo; Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.
-
9
|Salmos 52:9|
Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku; Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38