-
Leer por capítulos:
106-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 106:1|
Haleluya! Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
2
|Salmos 106:2|
Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova, Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?
-
3
|Salmos 106:3|
Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko, Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke!
-
4
|Salmos 106:4|
Ndikhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho; Ndiyelele ngosindiso lwakho,
-
5
|Salmos 106:5|
Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho, Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho, Ndiqhayise kunye nelifa lakho.
-
6
|Salmos 106:6|
Sonile, thina noobawo; Senze ubugwenxa, senze okungendawo.
-
7
|Salmos 106:7|
Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo; Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho; Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.
-
8
|Salmos 106:8|
Wabasindisa ngenxa yegama lakhe, Ukuze abazise ubugorha bakhe.
-
9
|Salmos 106:9|
Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma, Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.
-
10
|Salmos 106:10|
Wabasindisa esandleni sobathiyayo, Wabakhulula esandleni sotshaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38