-
Leer por capítulos:
51-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 51:1|
Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!
-
2
|Salmos 51:2|
NdÂ’ixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam.
-
3
|Salmos 51:3|
Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.
-
4
|Salmos 51:4|
Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho.
-
5
|Salmos 51:5|
Uyabona, ndizalelwe ebugwenxeni, Ndakhawulwa nguma esonweni.
-
6
|Salmos 51:6|
Uyabona, ufuna inyaniso ezintsweni, Esitheni undazisa ubulumko.
-
7
|Salmos 51:7|
Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu;
-
8
|Salmos 51:8|
Ndivise imihlali nemivuyo, Agcobe amathambo owacolileyo.
-
9
|Salmos 51:9|
Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam.
-
10
|Salmos 51:10|
Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38