-
Leer por capítulos:
16-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 16:1|
Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe.
-
2
|Salmos 16:2|
Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho.
-
3
|Salmos 16:3|
Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.
-
4
|Salmos 16:4|
Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.
-
5
|Salmos 16:5|
NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam.
-
6
|Salmos 16:6|
Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.
-
7
|Salmos 16:7|
Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.
-
8
|Salmos 16:8|
Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
-
9
|Salmos 16:9|
Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.
-
10
|Salmos 16:10|
Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7