-
Leer por capítulos:
10-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 10:1|
Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo?
-
2
|Salmos 10:2|
Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.
-
3
|Salmos 10:3|
Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.
-
4
|Salmos 10:4|
Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
-
5
|Salmos 10:5|
Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela.
-
6
|Salmos 10:6|
Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.
-
7
|Salmos 10:7|
Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.
-
8
|Salmos 10:8|
Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi.
-
9
|Salmos 10:9|
Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.
-
10
|Salmos 10:10|
Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10