-
Leer por capítulos:
90-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 90:1|
Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana.
-
2
|Salmos 90:2|
Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.
-
3
|Salmos 90:3|
Umbuyisela umntu eluthulini, Uthi, Buyani, nyana babantu.
-
4
|Salmos 90:4|
Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho Linjengemini yezolo, xa idluleyo, Linjengomlindo wasebusuku.
-
5
|Salmos 90:5|
Uyabakhukulisa, balale; Ngengomso babuya bahlume njengotyani.
-
6
|Salmos 90:6|
Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume; Ngokuhlwa buyasikwa bome.
-
7
|Salmos 90:7|
Ngokuba siyaphela ngumsindo wakho, Sikhwankqiswe bubushushu bakho.
-
8
|Salmos 90:8|
Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.
-
9
|Salmos 90:9|
Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.
-
10
|Salmos 90:10|
Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7