-
Leer por capítulos:
102-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 102:11|
Imihla yam injengokoluka kwamathunzi; Mna ndomile njengomfuno.
-
12
|Salmos 102:12|
Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade, Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.
-
13
|Salmos 102:13|
Uya kusukÂ’ ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane; Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
-
14
|Salmos 102:14|
Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo, Uthuli lwayo banofefe ngalo.
-
15
|Salmos 102:15|
Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova, Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
-
16
|Salmos 102:16|
Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova, Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
-
17
|Salmos 102:17|
Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.
-
18
|Salmos 102:18|
Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo, Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
-
19
|Salmos 102:19|
Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele; Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
-
20
|Salmos 102:20|
Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo, Abakhulule oonyana bokufa;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7