-
Leer por capítulos:
104-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 104:21|
Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga, Zifuna ukudla kwazo kuThixo.
-
22
|Salmos 104:22|
Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana, Zibuthume ezikhundleni zazo.
-
23
|Salmos 104:23|
Uyaphuma umntu aye emsebenzini wakhe Nasenkonzweni yakhe, ahlwise.
-
24
|Salmos 104:24|
Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho.
-
25
|Salmos 104:25|
Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.
-
26
|Salmos 104:26|
Kulapho kuhamba iinqanawa; Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.
-
27
|Salmos 104:27|
Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, Ukuba uzinike ukudla kwazo ngexesha elililo.
-
28
|Salmos 104:28|
Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.
-
29
|Salmos 104:29|
Uyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa; Uyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo, Zibuyele eluthulini lwazo.
-
30
|Salmos 104:30|
Uthuma umoya wakho, ziyadalwa, Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4