-
Leer por capítulos:
119-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 119:11|
Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.
-
12
|Salmos 119:12|
Ungowokubongwa, Yehova; Ndifundise imimiselo yakho.
-
13
|Salmos 119:13|
Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho.
-
14
|Salmos 119:14|
Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke.
-
15
|Salmos 119:15|
Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho.
-
16
|Salmos 119:16|
Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho.
-
17
|Salmos 119:17|
Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcine ilizwi lakho.
-
18
|Salmos 119:18|
Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.
-
19
|Salmos 119:19|
Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.
-
20
|Salmos 119:20|
Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40