-
Leer por capítulos:
135-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 135:11|
OoSihon, ukumkani wama-Amori, No-Ogi, ukumkani waseBhashan, Nezikumkani zonke zakwaKanan;
-
12
|Salmos 135:12|
Walinikela ilizwe labo lalilifa, Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
-
13
|Salmos 135:13|
Yehova, igama lakho lingunaphakade, Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
-
14
|Salmos 135:14|
Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
-
15
|Salmos 135:15|
Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, Umsebenzi wezandla zabantu.
-
16
|Salmos 135:16|
Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje, aziboni;
-
17
|Salmos 135:17|
Zineendlebe nje, aziva; Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.
-
18
|Salmos 135:18|
Baya kuba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
-
19
|Salmos 135:19|
Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova; Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.
-
20
|Salmos 135:20|
Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova; Nani boyika uYehova, bongani uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40