-
Leer por capítulos:
18-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 18:21|
Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
-
22
|Salmos 18:22|
Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;
-
23
|Salmos 18:23|
Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa,
-
24
|Salmos 18:24|
Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.
-
25
|Salmos 18:25|
Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;
-
26
|Salmos 18:26|
Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
-
27
|Salmos 18:27|
Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
-
28
|Salmos 18:28|
Ngokuba uyasilumeka isibane sam wena; UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
-
29
|Salmos 18:29|
Ngokuba ngawe ndigila amajarha, NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
-
30
|Salmos 18:30|
UThixo yena, igqibelele indlela yakhe; Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40