-
Leer por capítulos:
22-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 22:11|
Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo, Ngokuba akukho mncedi.
-
12
|Salmos 22:12|
Ndingqongwe ziinkunzi ezininzi, Ndihlanganyelwe zeziziimbalasane zaseBhashan.
-
13
|Salmos 22:13|
Zindakhamele umlomo wazo, Njengengonyama eqwengayo, egqumayo.
-
14
|Salmos 22:14|
Ndiphalele njengamanzi, Ahlukene onke amathambo am; Yanjengomthwebeba intliziyo yam, Inyibilikile phakathi kwezibilini zam.
-
15
|Salmos 22:15|
Omile njengegophe amandla am, Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam; Undibeka eluthulini lokufa.
-
16
|Salmos 22:16|
Ngokuba izinja zindirhawule, Ibandla labenzi bokubi lindingungele; Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.
-
17
|Salmos 22:17|
Ndinokuwabala onke amathambo am; Bona bayandijonga, bayandibonela,
-
18
|Salmos 22:18|
Babelana ngeengubo zam, Isambatho sam basenzela amaqashiso.
-
19
|Salmos 22:19|
Ke wena, Yehova, musa ukuba kude; Mandla am, khawuleza undincede.
-
20
|Salmos 22:20|
Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam, Okuphela kwawo, ethupheni lenja.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34