-
Leer por capítulos:
30-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 30:1|
Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
-
2
|Salmos 30:2|
Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
-
3
|Salmos 30:3|
Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
-
4
|Salmos 30:4|
Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele,
-
5
|Salmos 30:5|
Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.
-
6
|Salmos 30:6|
Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade.
-
7
|Salmos 30:7|
Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
-
8
|Salmos 30:8|
Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova:
-
9
|Salmos 30:9|
Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
-
10
|Salmos 30:10|
Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40