-
Leer por capítulos:
31-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 31:11|
Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo, Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo; Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
-
12
|Salmos 31:12|
Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo; Ndinjengesitya esiza kulahlwa.
-
13
|Salmos 31:13|
Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, Ukunxunguphala ngeenxa zonke. Ekugquguleni kwabo ngam, Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.
-
14
|Salmos 31:14|
Ke mna ndikholose ngawe, Yehova; Ndithi, UnguThixo wam wena.
-
15
|Salmos 31:15|
Asesandleni sakho amaxesha am; Ndihlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.
-
16
|Salmos 31:16|
Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho; Ndisindise ngenceba yakho.
-
17
|Salmos 31:17|
Yehova, andiyi kudana, ngokuba ndinqula wena; Makudane abangendawo, bathi cwaka kwelabafileyo.
-
18
|Salmos 31:18|
Mawubotshwe umlomo wobuxoki, Othetha ngelungisa ngokusa, Unekratshi, udela.
-
19
|Salmos 31:19|
Hayi, ubukhulu bokulunga kwakho, obuqwebele abakoyikayo, Obenzela abazimela ngawe, ebusweni boonyana babantu!
-
20
|Salmos 31:20|
Ubasithelisa esitheni lobuso bakho kumayelenqe abantu; Uyabagusha emnqubeni ekubambaneni kweelwimi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19