-
Leer por capítulos:
33-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 33:11|
Icebo likaYehova limi ngonaphakade, Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.
-
12
|Salmos 33:12|
Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova; Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
-
13
|Salmos 33:13|
Uqondele esemazulwini uYehova; Uyababona bonke oonyana babantu;
-
14
|Salmos 33:14|
Esendaweni yakhe yokuhlala, wondele Kubemi bonke behlabathi:
-
15
|Salmos 33:15|
Ulobumba ngakunye intliziyo yabo, Uloqonda zonke izenzo zabo.
-
16
|Salmos 33:16|
Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu; Igorha alihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
-
17
|Salmos 33:17|
Liyaxoka ihashe ukuba lingasindisa, Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
-
18
|Salmos 33:18|
Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo, Abalindele inceba yakhe,
-
19
|Salmos 33:19|
Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo, Abagcine ngexesha lendlala.
-
20
|Salmos 33:20|
Umphefumlo wethu ulindele kuYehova; Nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34