-
Leer por capítulos:
37-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 37:11|
Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, Baziyolise ngobuninzi boxolo.
-
12
|Salmos 37:12|
Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa, Ulitshixizela amazinyo akhe.
-
13
|Salmos 37:13|
INkosi iyamhleka, Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.
-
14
|Salmos 37:14|
Barhole ikrele abangendawo, bagobe isaphetha sabo, Ukuba bawise usizana nehlwempu, Basike abandlela zithe tye.
-
15
|Salmos 37:15|
Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo, Zaphuke izaphetha zabo.
-
16
|Salmos 37:16|
Ilungile intwana elinayo ilungisa, Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:
-
17
|Salmos 37:17|
Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa; NguYehova umxhasi wamalungisa.
-
18
|Salmos 37:18|
NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo, Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.
-
19
|Salmos 37:19|
Abayi kudana ngexesha lobubi; Baya kuhlutha ngeemini zendlala:
-
20
|Salmos 37:20|
Ngokuba abangendawo bayatshabalala; Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo; Ziya kuphela njengomsi, ziphele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10