-
Leer por capítulos:
58-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 58:1|
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu. Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo? Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?
-
2
|Salmos 58:2|
Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha; Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.
-
3
|Salmos 58:3|
Abangendawo baphambukile kwasesizalweni; Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.
-
4
|Salmos 58:4|
Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka, Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;
-
5
|Salmos 58:5|
Ukuze lingaliva izwi labanyangi, Lababopha ngomabophe, beziingcibi.
-
6
|Salmos 58:6|
Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo; Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.
-
7
|Salmos 58:7|
Mabaphalale njengamanzi equkuqela; Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.
-
8
|Salmos 58:8|
Mababe njengenkumba ehamba inyibilika, Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.
-
9
|Salmos 58:9|
Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu, Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, uyayiqweqwedisa.
-
10
|Salmos 58:10|
Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo; Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4