-
Leer por capítulos:
59-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 59:1|
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale. Ndihlangule ezintshabeni zam, Thixo wam, Ndise engxondeni kwabasukela phezulu kum.
-
2
|Salmos 59:2|
Ndihlangule kubasebenzi bobutshinga; Ndisindise ebantwini abanamagazi.
-
3
|Salmos 59:3|
Ngokuba nabo bewulalela umphefumlo wam; Baqukana ngam abanamandla, Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.
-
4
|Salmos 59:4|
Ndingenabugwenxa nje, bagidime baxhoba. Vuka, undikhawulele, ubone.
-
5
|Salmos 59:5|
Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli, Phapha, uzivelele zonke iintlanga; Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengabagqithi. (Phakamisani.)
-
6
|Salmos 59:6|
Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.
-
7
|Salmos 59:7|
Nabo belephuza amagwebu ngomlomo; Ngamakrele emlonyeni wabo; Ngokuba bathi, Kuva bani na?
-
8
|Salmos 59:8|
Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga.
-
9
|Salmos 59:9|
Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam.
-
10
|Salmos 59:10|
UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4