-
Leer por capítulos:
66-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 66:11|
Usingenise emboniselweni; Ubeke uxinzelelo esinqeni sethu;
-
12
|Salmos 66:12|
Ukhwelise abantu entlokweni yethu; Singene emlilweni nasemanzini; Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.
-
13
|Salmos 66:13|
Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo; Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,
-
14
|Salmos 66:14|
Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam, Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.
-
15
|Salmos 66:15|
Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo, Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha; Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)
-
16
|Salmos 66:16|
Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo, Oko akwenzele umphefumlo wam.
-
17
|Salmos 66:17|
Ndadanduluka kuye ngomlomo wam; Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.
-
18
|Salmos 66:18|
Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula.
-
19
|Salmos 66:19|
Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam.
-
20
|Salmos 66:20|
Makabongwe uThixo, Yena ungawugxothanga umthandazo wam, Nobubele bakhe kum.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40