-
Leer por capítulos:
68-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 68:21|
Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe, Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.
-
22
|Salmos 68:22|
Yathi iNkosi, Ndiya kuzibuyisa eBhashan, Ndiya kuzibuyisa iintshaba zakho ezinzulwini zolwandle;
-
23
|Salmos 68:23|
Ukuze uziphaluse, unyawo lwakho lusegazini, Nolwimi lwezinja zakho lube nesabelo salo ezintshabeni.
-
24
|Salmos 68:24|
Bakubona ukunyathela kwakho, Thixo, Ukunyathela koThixo wam, koKumkani wam, esebungcweleni.
-
25
|Salmos 68:25|
Phambili ziimvumi, ngasemva ngababethi bohadi, Emacaleni ziintombi ezibetha iingqongqo.
-
26
|Salmos 68:26|
Emabandleni bongani uThixo, INkosi, nina basemthonjeni wakwaSirayeli.
-
27
|Salmos 68:27|
Balapho ooBhenjamin, inci yabo, umphathi wabo, Abathetheli bakwaYuda, ihlokondiba labo; Abathetheli bakwaZebhulon, abathetheli bakwaNafetali.
-
28
|Salmos 68:28|
UThixo wakho wakuwisela umthetho wokuba uqine; Kuqinise, Thixo, oko usenzeleyo.
-
29
|Salmos 68:29|
Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem, Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.
-
30
|Salmos 68:30|
Khalimela amarhamncwa asengcongolweni, Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe, Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere. Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38