-
Leer por capítulos:
71-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 71:11|
Besithi, UThixo umlahlile; Msukeleni nimbambe, ngokuba akukho mhlanguli.
-
12
|Salmos 71:12|
Thixo, musa ukuba kude kum; Thixo wam, khawuleza undincede.
-
13
|Salmos 71:13|
Mabadane, bagqitywe, abawuchasayo umphefumlo wam, Bathiwe wambu yingcikivo nehlazo abafuna ukuba ndihlelwe bububi.
-
14
|Salmos 71:14|
Ke mna ndiya kuhlala ndilindile, Ndongeze endumisweni yakho yonke.
-
15
|Salmos 71:15|
Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho, Neyosindiso lwakho imini yonke, ngokuba ndingawazi amanani ayo.
-
16
|Salmos 71:16|
Ndiya kuza nemisebenzi yobugorha beNkosi uYehova; Ndiya kukhankanya ubulungisa bakho, bakho wedwa.
-
17
|Salmos 71:17|
Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam; Unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.
-
18
|Salmos 71:18|
Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini; Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha, Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.
-
19
|Salmos 71:19|
Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu; Wena uzenzayo izinto ezinkulu, Thixo, ngubani na onjengawe?
-
20
|Salmos 71:20|
Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi, Uya kubuya usiphilise, Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19