-
Leer por capítulos:
72-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 72:11|
Baqubude kuye bonke ookumkani, Zimkhonze sonke iintlanga.
-
12
|Salmos 72:12|
Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, Nabaziintsizana abangenaluncedo;
-
13
|Salmos 72:13|
Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; Asindise imiphefumlo yamahlwempu;
-
14
|Salmos 72:14|
Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.
-
15
|Salmos 72:15|
Uya kuphila anikwe igolide yakwaShebha, Bahlale bemthandazela, Bamsikelele imini yonke.
-
16
|Salmos 72:16|
Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba; Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon; Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.
-
17
|Salmos 72:17|
Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo.
-
18
|Salmos 72:18|
Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa.
-
19
|Salmos 72:19|
Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen.
-
20
|Salmos 72:20|
Iphelile imithandazo kaDavide unyana kaYese.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21