-
Leer por capítulos:
78-
Xhosa
-
-
51
|Salmos 78:51|
Wababulala bonke abamazibulo eYiputa, Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.
-
52
|Salmos 78:52|
Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu, Wabaqhuba njengomhlambi entlango;
-
53
|Salmos 78:53|
Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi; Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle
-
54
|Salmos 78:54|
Wabazisa emdeni wakhe ongcwele, Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.
-
55
|Salmos 78:55|
Wagxotha iintlanga ebusweni babo, Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo; Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.
-
56
|Salmos 78:56|
Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni, Abazigcina izingqiniso zakhe,
-
57
|Salmos 78:57|
Babuya unuva, banginiza njengooyise. Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.
-
58
|Salmos 78:58|
Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.
-
59
|Salmos 78:59|
Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
-
60
|Salmos 78:60|
Wawulahla umnquba waseShilo, Intente abeyimise esintwini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34