-
Leer por capítulos:
92-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 92:1|
Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;
-
2
|Salmos 92:2|
Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,
-
3
|Salmos 92:3|
Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe, Ngokulubetha uhadi ngofefe.
-
4
|Salmos 92:4|
Ngokuba uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho, Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.
-
5
|Salmos 92:5|
Azizikhulu izenzo zakho, Yehova! Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.
-
6
|Salmos 92:6|
Isityhakala asinakwazi; Isinyabi asikuqondi oko.
-
7
|Salmos 92:7|
Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, Kukuze batshabalale ngonaphakade.
-
8
|Salmos 92:8|
Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.
-
9
|Salmos 92:9|
Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
-
10
|Salmos 92:10|
Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7