-
Leer por capítulos:
95-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 95:1|
Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.
-
2
|Salmos 95:2|
Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma.
-
3
|Salmos 95:3|
Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
-
4
|Salmos 95:4|
Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe.
-
5
|Salmos 95:5|
Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.
-
6
|Salmos 95:6|
Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.
-
7
|Salmos 95:7|
Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
-
8
|Salmos 95:8|
Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;
-
9
|Salmos 95:9|
Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
-
10
|Salmos 95:10|
Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40