-
Leer por capítulos:
105-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 105:21|
Wamenza inkosi yendlu yakhe, Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,
-
22
|Salmos 105:22|
Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe, Amadoda akhe amakhulu awafundise ubulumko.
-
23
|Salmos 105:23|
Waza uSirayeli waya eYiputa, UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.
-
24
|Salmos 105:24|
Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe, Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.
-
25
|Salmos 105:25|
Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe, Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.
-
26
|Salmos 105:26|
Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe, NoAron awamnyulayo.
-
27
|Salmos 105:27|
Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe, Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.
-
28
|Salmos 105:28|
Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama; Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.
-
29
|Salmos 105:29|
Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi, Wazibulala iintlanzi zabo.
-
30
|Salmos 105:30|
Ilizwe labo lanyakazela amasele Ezingontsini zookumkani babo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40