-
Leer por capítulos:
109-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 109:11|
Umboleki-mali makakushwankathele konke anako, Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.
-
12
|Salmos 109:12|
Makungabikho wolulela nceba kuye, Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.
-
13
|Salmos 109:13|
Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa, Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.
-
14
|Salmos 109:14|
Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise, Singacinywa isono sonina.
-
15
|Salmos 109:15|
Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke, Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;
-
16
|Salmos 109:16|
Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba, Etshutshise indoda elusizana, Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.
-
17
|Salmos 109:17|
Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela; Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kude kuye.
-
18
|Salmos 109:18|
Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe, Kwangena embilinini wakhe njengamanzi, Nanjengeoli emathanjeni akhe.
-
19
|Salmos 109:19|
Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo, Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.
-
20
|Salmos 109:20|
Nguwo lowo umvuzo wabandichasayo, ophuma kuYehova, Wabathetha okubi ngomphefumlo wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Hageo 1-2