-
Leer por capítulos:
109-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 109:21|
Ke wena Yehova, Nkosi, ndenzele ngenxa yegama lakho; Ngokokuba ilungile inceba yakho; ndihlangule.
-
22
|Salmos 109:22|
Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu, Intliziyo yam ihlatyiwe phakathi kwam.
-
23
|Salmos 109:23|
Ndinjengethunzi xa lolukayo, ndiyemka; Ndiphetshethwa njengenkumbi.
-
24
|Salmos 109:24|
Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla, Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.
-
25
|Salmos 109:25|
Ndithe ndasisingcikivo kubo; Bendibona, bahlunguzela intloko.
-
26
|Salmos 109:26|
Ndincede, Yehova, Thixo wam, Ndisindise ngokwenceba yakho;
-
27
|Salmos 109:27|
Bazi ukuba sisandla sakho eso, Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.
-
28
|Salmos 109:28|
Bayaqalekisa aba, uyasikelela wena; Besukile bema, baya kudana; uya kubuya yena umkhonzi wakho.
-
29
|Salmos 109:29|
Abandichasayo baya kwambatha ihlazo, Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.
-
30
|Salmos 109:30|
Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam, Ndimdumise phakathi kwabaninzi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40