-
Leer por capítulos:
145-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 145:1|
Eyokudumisa kaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
-
2
|Salmos 145:2|
Imihla yonke ndiya kukubonga, Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
-
3
|Salmos 145:3|
Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.
-
4
|Salmos 145:4|
Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho, Kuxelwe ubugorha bakho.
-
5
|Salmos 145:5|
Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho; Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.
-
6
|Salmos 145:6|
Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo, Ndibalise ngobukhulu bakho.
-
7
|Salmos 145:7|
Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu, Bamemelele ngobulungisa bakho.
-
8
|Salmos 145:8|
Unobabalo nemfesane uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
-
9
|Salmos 145:9|
Ulungile uYehova kubo bonke, Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
-
10
|Salmos 145:10|
Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, Bakubonge abakho benceba;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40