-
Leer por capítulos:
145-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 145:11|
Uzuko lobukumkani bakho balutsho, Bathethe ngobugorha bakho.
-
12
|Salmos 145:12|
Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
-
13
|Salmos 145:13|
Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
-
14
|Salmos 145:14|
UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo, Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
-
15
|Salmos 145:15|
Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;
-
16
|Salmos 145:16|
Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.
-
17
|Salmos 145:17|
Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke.
-
18
|Salmos 145:18|
Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.
-
19
|Salmos 145:19|
Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.
-
20
|Salmos 145:20|
UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40