-
Leer por capítulos:
34-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 34:1|
EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
-
2
|Salmos 34:2|
Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye.
-
3
|Salmos 34:3|
Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe.
-
4
|Salmos 34:4|
Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.
-
5
|Salmos 34:5|
Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni.
-
6
|Salmos 34:6|
Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.
-
7
|Salmos 34:7|
Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.
-
8
|Salmos 34:8|
Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!
-
9
|Salmos 34:9|
Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.
-
10
|Salmos 34:10|
Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40