-
Leer por capítulos:
50-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 50:1|
Umhobe ka-Asafu. UThixo, uThixo uYehova uyathetha; Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.
-
2
|Salmos 50:2|
EZiyon, ukuphela kweenzwana, Uyakhazimla uThixo.
-
3
|Salmos 50:3|
Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
-
4
|Salmos 50:4|
Ubiza izulu phezulu, Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
-
5
|Salmos 50:5|
Uthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba, Abenze umnqophiso nam ngombingelelo.
-
6
|Salmos 50:6|
Izulu lixela ubulungisa bakhe, Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
-
7
|Salmos 50:7|
Yivani, bantu bam, ndithethe; Sirayeli, ndiqononondise kuwe; NdinguThixo, uThixo wakho.
-
8
|Salmos 50:8|
Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho, Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
-
9
|Salmos 50:9|
Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho, Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
-
10
|Salmos 50:10|
Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40