-
Leer por capítulos:
50-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 50:11|
Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, Nento edakasa endle inam.
-
12
|Salmos 50:12|
Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
-
13
|Salmos 50:13|
Ndidle inyama yeenkunzi eziziimbalasane na? Ndisele igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
-
14
|Salmos 50:14|
Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
-
15
|Salmos 50:15|
Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.
-
16
|Salmos 50:16|
Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
-
17
|Salmos 50:17|
Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?
-
18
|Salmos 50:18|
Xa ubona isela, ukholana nalo, Wabelane nabakrexezi.
-
19
|Salmos 50:19|
Umlomo wakho uwuyekela ebubini; Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;
-
20
|Salmos 50:20|
Uthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho, Uhlaze umntwana kanyoko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40