-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 107:1|
Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
2
|Salmos 107:2|
Mabatsho abakhululwa bakaYehova, Awabakhululayo esandleni sombandezeli;
-
3
|Salmos 107:3|
Wababutha emazweni, Empumalanga nasentshonalanga, Entla naselwandle.
-
4
|Salmos 107:4|
Badinga entlango, endleleni esenkanga, la, Abafumana mzi wakuhlala.
-
5
|Salmos 107:5|
Belambile, benxaniwe, Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.
-
6
|Salmos 107:6|
Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;
-
7
|Salmos 107:7|
Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala.
-
8
|Salmos 107:8|
Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
-
9
|Salmos 107:9|
Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
-
10
|Salmos 107:10|
Behleli emnyameni nasethunzini lokufa, Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13