-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Salmos 107:41|
Walisa engxondeni ihlwempu, kude nengcinezelo, Walenzela imizalwana yanjengomhlambi.
-
42
|Salmos 107:42|
Baya kubona abathe tye, bavuye, Bonke ubugqwetha buvale umlomo.
-
43
|Salmos 107:43|
Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo, Azigqale iinceba zikaYehova.
-
1
|Salmos 108:1|
Ingoma. Umhobe kaDavide. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi, Kwanozuko lwam.
-
2
|Salmos 108:2|
Vukani, mrhubhe nohadi; Ndiya kusiphangela isifingo.
-
3
|Salmos 108:3|
Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova, Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.
-
4
|Salmos 108:4|
Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho, Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.
-
5
|Salmos 108:5|
Ziphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo, Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.
-
6
|Salmos 108:6|
Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
-
7
|Salmos 108:7|
UThixo uthethe engcwele; mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 5-8