-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Salmos 143:7|
Khawuleza undiphendule, Yehova; uyaphela umoya wam. Musa ukubusithelisa kum ubuso bakho, Ndifane nabahla baye emhadini.
-
8
|Salmos 143:8|
Ndivise kwakusasa inceba yakho, Ngokuba ndikholose ngawe. Ndazise indlela endiya kuhamba ngayo: Ngokuba ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam.
-
9
|Salmos 143:9|
Ndihlangule ezintshabeni zam, Yehova. Ndizimela ngawe.
-
10
|Salmos 143:10|
Ndifundise ukwenza ikholo lakho, ngokuba unguThixo wam. UMoya wakho olungileyo makandikhaphele ezweni elisithabazi.
-
11
|Salmos 143:11|
Ngenxa yegama lakho, Yehova, ndiphilise; Wukhuphe embandezelweni umphefumlo wam ngobulungisa bakho.
-
12
|Salmos 143:12|
Ngenceba yakho zibhangise iintshaba zam, Ubatshabalalise bonke abawubandezelayo umphefumlo wam, Ngokuba ndingumkhonzi wakho.
-
1
|Salmos 144:1|
EkaDavide. Makabongwe uYehova, uliwa lam, Ulofundisa izandla zam ukulwa, Iminwe yam imfazwe.
-
2
|Salmos 144:2|
Unceba yam, umboniselo yam, Ungxonde yam, umsindisi wam, mna lo; Ungweletshetshe yam, undizimela ngaye; Ulonyathelela abantu bam phantsi kwam.
-
3
|Salmos 144:3|
Yehova, uyintoni na umntu, le nto umaziyo? Unyana womfo, le nto umnyamekelayo?
-
4
|Salmos 144:4|
Umntu lo ufana nomphunga, Imihla yakhe injengethunzi elidlulayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7