-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 148:9|
Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;
-
10
|Salmos 148:10|
Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;
-
11
|Salmos 148:11|
Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;
-
12
|Salmos 148:12|
Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:
-
13
|Salmos 148:13|
Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.
-
14
|Salmos 148:14|
Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!
-
1
|Salmos 149:1|
Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
-
2
|Salmos 149:2|
USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.
-
3
|Salmos 149:3|
Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi.
-
4
|Salmos 149:4|
Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10