-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Salmos 35:20|
Ngokuba abathethi luxolo; Bacinga amazwi enkohliso ngabanyhamnyhekileyo belizwe.
-
21
|Salmos 35:21|
Bayandisinekela, Bathi, Tshotsho! Tshotsho! Abonile amehlo ethu.
-
22
|Salmos 35:22|
Ubonile, Yehova; musa ukuba sisithulu; Nkosi, musa ukuba kude kum.
-
23
|Salmos 35:23|
Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam, Thixo wam, Nkosi yam, ngenxa yento esibambene ngayo.
-
24
|Salmos 35:24|
Lithethe ityala lam ngokobulungisa bakho, Yehova Thixo wam; Mabangandivuyeleli;
-
25
|Salmos 35:25|
Mabangathi entliziyweni yabo, Tshotsho! Nantso into ebe siyfuna! Mabangathi, Simginyile.
-
26
|Salmos 35:26|
Mabadane, babe neentloni kunye Abavuyela ububi bam; Bambathe ukudana nehlazo Abazikhulisayo kunam.
-
27
|Salmos 35:27|
Mabamemelele, bavuye, abananze ubulungisa bam, Bahlale besithi, Makabe mkhulu uYehova, Ulonanze uxolo lomkhonzi wakhe.
-
28
|Salmos 35:28|
Ulwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho Nendumiso yakho, imihla yonke.
-
1
|Salmos 36:1|
Kumongameli. Eyomkhonzi kaYehova. EkaDavide. Ongendawo unezihlabo zokreqo entliziyweni yakhe ngaphakathi, ezithi, Akukho koyika Thixo emehlweni akhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4