-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Salmos 66:17|
Ndadanduluka kuye ngomlomo wam; Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.
-
18
|Salmos 66:18|
Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula.
-
19
|Salmos 66:19|
Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam.
-
20
|Salmos 66:20|
Makabongwe uThixo, Yena ungawugxothanga umthandazo wam, Nobubele bakhe kum.
-
1
|Salmos 67:1|
Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
-
2
|Salmos 67:2|
Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
-
3
|Salmos 67:3|
Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
-
4
|Salmos 67:4|
Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 67:5|
Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
-
6
|Salmos 67:6|
Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4