-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Salmos 13:6|
Ndiya kuvuma kuYehova, Ngokuba endiphethe kakuhle.
-
1
|Salmos 14:1|
Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo.
-
2
|Salmos 14:2|
UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo.
-
3
|Salmos 14:3|
Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
-
4
|Salmos 14:4|
Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uYehova?
-
5
|Salmos 14:5|
Apho bankwantya benkwantyile; Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.
-
6
|Salmos 14:6|
Icebo losizana ningalidanisa, Kodwa uYehova ulihlathi lalo.
-
7
|Salmos 14:7|
Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.
-
1
|Salmos 15:1|
Umhobe kaDavide. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?
-
2
|Salmos 15:2|
Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8